Igenesis 23:10-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. UEfron wayehleli phakathi koonyana bakaHeti; uEfron umHeti wamphendula uAbraham ezindlebeni zoonyana bakaHeti, zabo bonke abangénayo ngesango lomzi wakhe, esithi, Hayi, nkosi yam, ndíve!

11. Intsimi leyo ndiyakunika, nomqolomba okuyo ndiyakunika; emehlweni oonyana babantu bakowethu ndiyakunika; ngcwaba umfikizi lowo.

12. Waqubuda uAbraham phambi kwabantu belizwe elo.

13. Wathetha kuEfron ezindlebeni zabantu belizwe elo, wathi, Wanga ungándiva; ndikunika imali ngentsimi; yithabathe kum, ndingcwabe umfikazi khona.

14. UEfron wamphendula uAbraham, wathi kuye,

15. Nkosi yam, ndíve! Umhlaba ngoweeshekele zesilivere* ezimakhulu mané. Yintoni na loo nto phakathi kwam nawe? Ngcwaba ke umfikazi lowo.

16. UAbraham wamphulaphula uEfron; uAbraham wamlinganisela uEfron isilivere leyo, abethethe ngayo ezindlebeni zoonyana bakaHeti, amakhulu omané eeshekele zesilivere evunywayo ngumrhwebi.

Igenesis 23