2. Wathi uAbraham ngoSara umkakhe, Ngudade wethu. UAbhimeleki ukumkani waseGerare wathuma, wamthabatha uSara.
3. Weza uThixo kuAbhimeleki ngephupha ebusuku, wathi kuye, Ùyabona, ufile ngenxa yomfazi omthabathileyo; ngumkamntu.
4. Ke uAbhimeleki ubengasondelanga kuye; wathi, Nkosi, nolunobulungisa uhlanga wòlubulala, yini na?
5. Akatshongo na yena kum ukuthi, Ngudade wethu, naye ngokwakhe wathi, Ngumnakwethu? Le nto ndiyenzé ngentliziyo yam ígqibelele, nangezandla zam zímsulwa.
6. Wathi uThixo kuye ngephupha, Nam ndiyazi ukuba uyenzé le nto ngentliziyo yakho igqibelele. Ndakunqanda nam, ukuba ungoni kum; ngenxa yoko andikuvumelanga ukuba umchukumise.