Igenesis 2:22-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. UYehova uThixo walwakha ubambo abeluthabathe kuAdam, lwaba ngumfazi; wamzisa kuAdam.

23. Wathi uAdam, Eli ke ngoku lithambo lasemathanjeni am, yinyama yasenyameni yam; lo yena ukubizwa kothiwa ngumfazi, ngokuba ethatyathwe endodeni.

24. Ngenxa yoko indoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, babe nyama-nye ke.

25. Baye bobabini behamba zé, umntu lowo nomkakhe, bengenazintloni.

Igenesis 2