20. Wazithiya amagama uAdam zonke izinto ezizitho ziné, neentaka zasezulwini, nazo zonke izinto eziphilileyo zasendle; ke uAdam akafunyanelwanga mncedi unguwabo.
21. UYehova uThixo wawisa ubuthongo obukhulu phezu koAdam, walala. Wathabatha lwalunye ezimbanjeni zakhe, wavingca ngenyama esikhundleni salo.
22. UYehova uThixo walwakha ubambo abeluthabathe kuAdam, lwaba ngumfazi; wamzisa kuAdam.
23. Wathi uAdam, Eli ke ngoku lithambo lasemathanjeni am, yinyama yasenyameni yam; lo yena ukubizwa kothiwa ngumfazi, ngokuba ethatyathwe endodeni.
24. Ngenxa yoko indoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, babe nyama-nye ke.
25. Baye bobabini behamba zé, umntu lowo nomkakhe, bengenazintloni.