19. Khawubone, umkhonzi wakho umbabale. Ùyikhulisile inceba yakho ondenzeleyo, ukuba uwusindise umphefumlo wam; mna ke andinako ukuzisindisa ngokuya entabeni, hleze ndinanyathelwe bububi, ndife.
20. Khawubone, lo mzi ukufuphi, ukuba kubalekelwe kuwo, mncinane; ndanga ndingazisindisa ngokuya kuwo (awumncinane na?), usinde umphefumlo wam.
21. Wathi kuye, Yabona, ndikunonelele nangale nto, ukuba ndingawubhukuqi lo mzi uthethe ngawo.
22. Khawuleza, zisindise ngokuya khona, kuba andinakwenza nto ude ufike khona. Ngenxa yoko igama laloo mzi kwathiwa yiTsohare.*
23. Ilanga lalise liphumile phezu kwehlabathi, ukufika kukaLote eTsohare.
24. Wanisa ke uYehova phezu kweSodom neGomora isulfure nomlilo ophuma kuYehova emazulwini;
25. wayibhukuqa loo mizi, nawo wonke loo mmandla, nabo bonke abemi baloo mizi, nesihlumo somhlaba.
26. Kodwa umkakhe, esemva kwakhe, wakhangela ngasemva, waba yintsika yetyuwa.
27. UAbraham wavuka kusasa, waya kuloo ndawo wayemi kuyo ebusweni bukaYehova.
28. Wondela eSodom neGomora, nakulo lonke ilizwe laloo mmandla. Wakhangela; nango unyuka umsi welo zwe, njengomsi weziko lemfutho.
29. Kwathi, xenikweni uThixo wayonakalisayo imizi yaloo mmandla, uThixo wamkhumbula uAbraham, wamkhupha uLote phakathi kobhukuqo olo, ekuyibhukuqeni imizi leyo abehleli kuyo uLote.
30. Wenyuka uLote ephuma eTsohare, wahlala entabeni, eneentombi zakhe zombini, kuba ebesoyika ukuhlala eTsohare; wahlala emqolombeni, yena neentombi zakhe zombini.
31. Yathi eyamazibulo kwencinane, Ubawo waluphele; akukho ndoda ezweni apha yokusingena ngokwendlela yehlabathi lonke;
32. yiza, simseze ubawo iwayini, silale naye, sigcine imbewu ngobawo.
33. Zamseza ke uyise iwayini ngobo busuku; yangena eyamazibulo, yalala noyise; akayazanga yena ukulala kwayo nokuvuka kwayo.
34. Kwathi ngengomso, yathi eyamazibulo kwencinane, Yabona, ndilele nobawo phezolo; masimseze iwayini nangobu busuku, ungene, ulale naye, ukuba sigcine imbewu ngobawo.
35. Zamseza ke uyise iwayini nangobo busuku, yasuka encinane yalala naye; akayazanga yena ukulala kwayo nokuvuka kwayo.
36. Zamitha zombini iintombi zikaLote ngoyise.
37. Eyamazibulo yazala unyana, yambiza ngegama elinguMowabhi;* yena nguyise wamaMowabhi unanamhla.
38. Nencinane yazala unyana, yambiza ngegama elinguBhen-ami;* yena nguyise wonyana baka-Amon unanamhla.