Igenesis 18:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UYehova wabonakala kuye eMiokini* kaMamre, ehleli emnyango wentente, ekufudumaleni kwemini.

2. Wawaphakamisa amehlo akhe, wabona, nango amadoda amathathu emi ngakuye. Wabona, wagidima, eya kuwakhawulela, esuka emnyango wentente.

3. Waqubuda emhlabeni, wathi, Nkosi yam, ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, musa ukudlula umke kumkhonzi wakho.

4. Makhe kuthatyathwe intwana yamanzi, nihlambe iinyawo zenu, ningqengqe phantsi komthi lo;

5. ndíthabathe iqhekeza lesonka, nixhase iintliziyo zenu; kamva nodlula; kuba nize kudlula ngenxa yoko kumkhonzi wenu. Athi, Yenza ngoko uthethe ngako.

Igenesis 18