Igenesis 15:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Emveni kwezo zinto, lafika ilizwi likaYehova kuAbram ngombono, lisithi, Musa ukoyika, Abram; ndiyingweletshetshe yakho, umvuzo wakho omkhulu kunene.

2. Wathi uAbram, Nkosi yam, Yehova, wondinika ntoni na? Ndihamba ndingenamntwana; indlamafa yendlu yam ngulo Eliyezere waseDamasko.

3. Wathi uAbram, Yabona, akundinikanga mbewu; yabona, umntu ongowendlu yam uya kuba yindlamafa yam.

4. NĂ¢lo ilizwi likaYehova lifika kuye, lisithi, Akayi kuba yindlamafa yakho lo; ngoya kuphuma ezibilini zakho, yena oya kuba yindlamafa yakho.

5. Wamsa phandle, wathi, Khawubheke phezulu ezulwini, uzibale iinkwenkwezi, ukuba unokuzibala; wathi kuye, Iya kuba njalo ke imbewu yakho.

Igenesis 15