Igenesis 12:6-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. UAbram wacanda ilizwe, wada waya kwindawo enoShekem, wada waya eMokini* kaMore. AmaKanan abekho ngelo xesha kulo ilizwe.

7. UYehova wabonakala kuAbram, wathi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe. Wamakhela khona isibingelelo uYehova, owabonakalayo kuye.

8. Wesuka khona waya entabeni ngasempumalanga, eBheteli, wayitwabulula intente yakhe, iBheteli ingasentshonalanga, iAyi ingasempumalanga; wamakhela khona isibingelelo uYehova, wanqula igama likaYehova.

9. Wanduluka uAbram, ehamba encothula, esinga kwelasezantsi.

10. Kwabakho indlala ezweni. Wehla uAbraham waya eYiputa, ukuze aphambukele khona; ngokuba indlala ibinzima elizweni.

11. Kwathi, akusondela ukuba angene eYiputa, wathi kuSarayi umkakhe, Uyabona ke, ndiyazi ukuba ungumfazi omhle imbonakalo.

12. Kothi ke, akukubona amaYiputa, athi, Ngumkakhe lo; andibulale, akuyeke wena udle ubomi.

13. Ùze uthi, ùngudade wethu wena; ukuze kulunge kum ngenxa yakho, umphefumlo wam udle ubomi ngenxa enawe.

14. Kwathi, akufika uAbram eYiputa, ambona amaYiputa umfazi ukuba uyinzwakazi.

15. Bambona abathetheli bakaFaro, bamdumisa kuFaro; umfazi wasiwa endlwini kaFaro.

16. Wamphatha ngokulungileyo uAbram ngenxa yakhe; wanempahla emfutshane, neenkomo, namaesile, nabakhonzi, nabakhonzazana, neemazi zamaesile, neenkamela.

17. UYehova wambetha uFaro nendlu yakhe ngezibetho ezikhulu ngenxa kaSarayi, umka-Abram.

18. UFaro wambiza uAbram wathi, Yintoni na le uyenzileyo kum? Yini na ukuba ungandixeleli ukuba ngumkakho?

19. Yini na ukuba uthi, ngudade wenu? Ndamthabatha ukuba abe ngumfazi wam. Ngoku ke nanko umkakho, mthabathe uhambe.

20. UFaro wawawisela umthetho amadoda ngaye; amkhapha yena nomkakhe, nezinto zakhe zonke.

Igenesis 12