7. Yizani, sihle, sidube khona apho intetho yabo, ngokokuze bangevani ngentetho.
8. UYehova wabachithachitha kwalapho ehlabathini lonke; bayeka ukuwakha loo mzi.
9. Ngenxa yoko kwathiwa igama lawo yiBhabheli;* ngokuba uYehova wayiduba khona apho intetho yehlabathi lonke, wabachithachitha kwalapho uYehova ehlabathini lonke.
10. Yiyo le ke inzala kaShem: uShem ubeminyaka ilikhulu ezelwe, wazala uArpakishadi, iminyaka emibini emveni konogumbe.
11. UShem wahlala emveni kokuzala kwakhe uArpakishadi iminyaka emakhulu mahlanu, wazala oonyana neentombi.
12. UArpakishadi wahlala iminyaka emashumi mathathu anamihlanu, wazala uShela.