21. UShem wazalelwa naye; unguyise wabo bonke oonyana bakaEbhere, ungumzalwana omkhulu kaYafete.
22. Oonyana bakaShem nguElam, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram.
23. Oonyana baka-Aram ngu-Utse, noHuli, noGetere, noMashi.
24. UArpakishadi wazala uShela, uShela wazala uEbhere.
25. UEbhere wazalelwa oonyana bababini; igama lomnye belinguPelege,* ngokuba ngemihla yakhe bahlukahluka abemi behlabathi; igama lomninawa wakhe belinguYoketan.