Igenesis 10:17-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. namaHivi, nama-Areki, namaSin, nama-Arvadi,

18. namaTsemari, namaHamati; emveni koko zaphangalala izizwe zamaKanan.

19. Umda wamaKanan wathabathela eTsidon, wasinga eGerare, wasa eGaza; wasinga eSodom, neGomora, neAdama, neTsebhoyim, wasa eLasha.

20. Ngabo abo oonyana bakaHam, ngokwezizwe zabo, ngokweelwimi zabo, emazweni abo, ezintlangeni zabo.

21. UShem wazalelwa naye; unguyise wabo bonke oonyana bakaEbhere, ungumzalwana omkhulu kaYafete.

22. Oonyana bakaShem nguElam, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram.

23. Oonyana baka-Aram ngu-Utse, noHuli, noGetere, noMashi.

24. UArpakishadi wazala uShela, uShela wazala uEbhere.

25. UEbhere wazalelwa oonyana bababini; igama lomnye belinguPelege,* ngokuba ngemihla yakhe bahlukahluka abemi behlabathi; igama lomninawa wakhe belinguYoketan.

26. UYoketan wazala uAlemodadi, noShelefe, noHatsaremavete, noYera,

27. noHadoram, noUzali, noDikela,

28. no-Obhali, noAbhimayeli, noShebha,

29. no-Ofire, noHavila, noYobhabhi; bonke abo bangoonyana bakaYoketan.

30. Ukuma kwabo kwathabathela eMesha, kwasinga eZefara, intaba yasempumalanga.

Igenesis 10