19. wenze iziseko zesilivere, zibe mashumi mané phantsi kweeplanga ezimashumi mabini: zibe zibini iziseko, phantsi kweplanga inye, zeempondlo zayo zombini; zibe zibini iziseko, phantsi kweplanga inye, zeempondlo zayo zombini.
20. Ezecala lesibini lomnquba ngelasentla icala zoba mashumi mabini iiplanga;
21. neziseko zazo zesilivere zibe mashumi mané; iziseko zibe zibini phantsi kweplanga inye; zibe zibini iziseko phantsi kweplanga inye.
22. Ezomva womnquba ngasentshonalanga wozenza zibe ntandathu iiplanga.
23. Iiplanga ezimbini uze uzenze iimbombo zomnquba emaphundwini omabini;
24. zibe ngamawele, zithabathele ezantsi ukuhlangana; zibe nto-nye kude kuse entloko, ziye khonkcweni linye. Koba njalo kuwo omabini, abe ngaweembombo zombini.