3. Ukuba liphunyelwe lilanga, lobakho ityala legazi kulowo. Loo nto maliyimisele ngokuzeleyo; ukuba alinanto, makuthengiswe ngalo ngenxa yobusela balo.
4. Ukuba ithe yafunyanwa isesandleni salo, okanye iphilile, loo nto ibiweyo, nokuba yinkomo, nokuba liesile, nokuba yigusha, maliyibuyise nganto mbini.
5. Xa umntu athe wadlisa intsimi, nokuba sisidiliya, wavulela iinkomo zakhe, zayidla intsimi yomnye: makamisele ngeyona nto intle yentsimi yakhe, nangeyona nto intle yesidiliya sakhe.
6. Xa kuthe kwatsha umlilo, wafumanana neentango, watshisa izitha zengqolowa, nokuba yemiyo, nokuba yintsimi: lowo uwutshisileyo makazimisele ezo zinto.
7. Xa athe umntu wanikela ummelwane wakhe imali, nokuba yimpahla, ukuba ayigcine, yaza yabiwa endlwini yaloo mntu: ukuba lithe lafunyanwa isela elo, maliyibuyekeze kabini.