9. Wavuya uYitro akukuva konke ukulunga abekwenzile uYehova kuSirayeli, ngokumhlangula esandleni samaYiputa.
10. Wathi uYitro, Makabongwe uYehova owanihlangulayo esandleni samaYiputa, nasesandleni sikaFaro; owabahlangulayo abantu, baphuma phantsi kwesandla samaYiputa.
11. Ngoku ndiyazi ukuba uYehova mkhulu koothixo bonke; ewe, kwakuloo nto amaYiputa abewakhukhumalele ngayo amaSirayeli.
12. UYitro, uyise womkaMoses, wamthabathela uThixo idini elinyukayo nemibingelelo; weza uAron namadoda amakhulu onke akwaSirayeli, esiza kudla isonka noyise womkaMoses phambi koThixo.
13. Kwathi ngengomso, uMoses wahlala wathetha amatyala abantu; abantu baxhontela kuMoses, kususela kusasa kwada kwangokuhlwa.