Ieksodus 14:10-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wasondela uFaro. Bawaphakamisa amehlo abo oonyana bakaSirayeli, nango amaYiputa efake emva kwabo. Boyika kunene, bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova.

11. Bathi kuMoses, kungokuba bekungekho mangcwaba na eYiputa, le nto usithabathileyo ukuba sifele entlango apha? Yini na ukuba usenze into enje, usikhuphe eYiputa?

12. Asililo na eli ilizwi ebesilithetha kuwe eYiputa, sisithi, Siyeke, siwakhonze amaYiputa? Kuba kube kusilungele kanye ukuba sikhonze amaYiputa, kunokuba sifele entlango apha.

Ieksodus 14