Ieksodus 10:19-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. UYehova wawuguqula umoya, waba ngowasentshonalanga onamandla kunene, wazithwala iinkumbi, wazidiba eLwandle oluBomvu;* akwasala nanye inkumbi, emideni yonke yaseYiputa.

20. Wayenza lukhuni uYehova intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli.

21. Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho ubumnyama ezweni laseYiputa, ubumnyama obungqingqwa.

22. Wasolulela uMoses insandla sakhe ezulwini; kwabakho ubumnyama obusithokothoko ezweni lonke laseYiputa imihla emithathu.

Ieksodus 10