Ieksodus 10:15-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Zabugubungela ubuso belizwe lonke, laba mnyama ilizwe; zayidla yonke imifuno yelizwe neziqhamo zonke zemithi, ezazishiywe sisichotho; àkwasala nanye into eluhlaza emthini nasemifunweni yasendle, ezweni lonke laseYiputa.

16. Wakhawuleza uFaro wabiza uMoses noAron, wathi, Ndonile kuYehova uThixo wenu nakuni.

17. Kaloku khanisixolele isono sam okwesi sihlandlo sodwa, nithandaze kuYehova uThixo wenu, akususe kum oku kufa kodwa.

18. Waphuma kuFaro, wathandaza kuYehova.

19. UYehova wawuguqula umoya, waba ngowasentshonalanga onamandla kunene, wazithwala iinkumbi, wazidiba eLwandle oluBomvu;* akwasala nanye inkumbi, emideni yonke yaseYiputa.

20. Wayenza lukhuni uYehova intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli.

21. Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho ubumnyama ezweni laseYiputa, ubumnyama obungqingqwa.

22. Wasolulela uMoses insandla sakhe ezulwini; kwabakho ubumnyama obusithokothoko ezweni lonke laseYiputa imihla emithathu.

23. Àbabonana; àkwasuka bani endaweni yakhe imihla emithathu; ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli kwabakho ukukhanya emakhayeni abo.

24. UFaro wabiza uMoses, wathi, Hambani niye kukhonza uYehova; kodwa impahla yenu emfutshane neenkomo zenu mazisale; nayo intsapho yenu yohamba nani.

Ieksodus 10