1. Kaloku ke, Sirayeli, yiphulaphule imimiselo namasiko endinifundisa wona, ukuba niwenze; ukuze niphile, ningene, nilimé ilizwe aninikayo uYehova uThixo wooyihlo.
2. Ize ningongezi ezwini endiniwisela umthetho ngalo, ize ninganciphisi nto kulo, ukuze niyigcine imithetho kaYehova uThixo wenu, endiniwisela yona.
3. Amehlo enu akubonile oko wakwenzayo uYehova kuBhahalipehore;* ngokuba bonke abo babemlandela uBhahali-pehore, uYehova uThixo wakho ubatshabalalisile phakathi kwakho.
4. Ke nina nanamatheláyo kuYehova uThixo wenu, niphilile nonke namhla.
5. Yabonani, ndinifundise imimiselo namasiko, njengoko ndawiselwa umthetho nguYehova uThixo wam, ukuze nenze ngokunjalo phakathi kwelizwe eningena kulo, ukuba nilimé.
46-47. ngaphonoshono kweYordan, emfuleni omalunga neBhete-pehore, ezweni lakwaSihon, ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon, abambulaláyo ooMoses noonyana bakaSirayeli ekuphumeni kwabo eYiputa; balihlutha ilizwe lakhe, nelizwe likaOgi ukumkani waseBhashan, ookumkani ababini bama-Amori ababengaphonoshono kweYordan ngasempumalanga;