Iduteronomi 32:7-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Khumbula iimini zasephakadeni,Qonda iminyaka yezizukulwana ngezizukulwana.Buza kooyihlo, bakubalisele,Kumadoda amakhulu akowenu, akuxelele.

8. Ekuzabeleni kOsenyangweni iintlanga ilifa,Ekubahlulahluleni kwakhe oonyana baka-Adam,Wayimisa imida yezizweNgokwenani loonyana bakaSirayeli.

9. Kuba isabelo sikaYehova ngabantu bakhe,UYakobi licandelo lelifa lakhe.

10. Wamfumana ezweni eliyintlango,Enyanyeni, enkangala ebhombolozayo;Wamwola, wamondla,Wamlondoloza njengokhozo lweliso lakhe.

11. Njengokhozi lususela,Lundanda phezu kwamathole alo,Wawolula amaphiko akhe, wamthabatha,Wamthwala ngamaphiko akhe.

12. Wamkhokela uYehova yedwa,Engenathixo wolunye uhlanga naye.

13. Wamkhwelisa emimangweni yehlabathi;Wadla ke iziveliso zamasimi;Wammunyisa ubusi engxondorheni,Neoli eweni leqhwitha;

14. Amasi eenkomo, nobisi lwempahla emfutshane,Kunye namanqatha eemvana;Neenkunzi zezimvu, amatakane aseBhashan, neebhokhwe,Kunye namanqatha ezintso zengqolowa;Negazi lediliya walisela, liyiwayini enegwebu.

15. Watyeba ke uYeshurun, wakhaba;Watyeba wena, wanesibili, wathi fithi;Wamlahla uThixo owamenzayo,Walenza isidenge iLiwa lokusindiswa kwakhe.

16. Bamkhweletisa ngoothixo basemzini,Bamqumbisa ngamasikizi.

17. Babingelela kwiidemon ezingeThixo,Koothixo abangabaziyo,Kwabatsha abasandula ukufika,Ababengabahlonele ooyihlo.

Iduteronomi 32