Iduteronomi 32:20-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Wathi, Ndiya kubusithelisa ubuso bam kubo,Ndibòne ukuba koba yintoni na ukuphela kwabo;Ngokuba basisizukulwana sempenduka,Ngoonyana abangenantembeko.

21. Bona bandikhweletisa ngongeThixo,Bandiqumbisa ngamampunge abo.Nam ndiya kubakhweletisa ngabangebantu,Ndibaqumbise ngohlanga olunobudenge.

22. Ngokuba kuphenjwé umlilo emathatheni am;Utsha ude use kwelingaphantsi labafileyo,Ulidle ihlabathi neendyebo zalo,Uvuthise iziseko zeentaba.

23. Ndiya kufumba ububi phezu kwabo,Iintolo zam ndiziphelelisele kubo;

24. Omakhanywa kukulamba, omadliwa kukurhala,Nembubhiso ekrakra.Ndiya kubathumela izinyo lamarhamncwa,Nobuhlungu bezinambuzane zothuli.

25. Ngaphandle kophanga ikrele,Ezingontsini kuphange izothuso,Kufane indodana nentombi,Kufane owanyáyo nengwevu.

Iduteronomi 32