Iduteronomi 32:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bekani indlebe, mazulu, ndithethe;Live ihlabathi amazwi omlomo wam;

2. Ichaphàze njengemvula imfundiso yam,Ihle njengombethe intetho yam,Njengomkhumezelo phezu kohlaza,Njengamathontsi phezu kotyani.

3. Ngokuba ndiya kuvakalisa igama likaYehova:Mnikeni ubukhulu uThixo wethu!

4. NguLiwa; ugqibele umsebenzi wakhe,Ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni;NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha;Lilungisa, uthe tye yena.

5. Isizukulwana esijibilizayo, esibhijeleneyo,Sizonakalisile kuye — singenyana bakhe, sisiphako sabo.

6. Nènjenje na ukumphatha uYehova?Bantundini banobudenge, bangenabulumko,Akanguye na uyihlo okudalileyo,Okwenzileyo, okusekileyo?

7. Khumbula iimini zasephakadeni,Qonda iminyaka yezizukulwana ngezizukulwana.Buza kooyihlo, bakubalisele,Kumadoda amakhulu akowenu, akuxelele.

8. Ekuzabeleni kOsenyangweni iintlanga ilifa,Ekubahlulahluleni kwakhe oonyana baka-Adam,Wayimisa imida yezizweNgokwenani loonyana bakaSirayeli.

9. Kuba isabelo sikaYehova ngabantu bakhe,UYakobi licandelo lelifa lakhe.

10. Wamfumana ezweni eliyintlango,Enyanyeni, enkangala ebhombolozayo;Wamwola, wamondla,Wamlondoloza njengokhozo lweliso lakhe.

11. Njengokhozi lususela,Lundanda phezu kwamathole alo,Wawolula amaphiko akhe, wamthabatha,Wamthwala ngamaphiko akhe.

12. Wamkhokela uYehova yedwa,Engenathixo wolunye uhlanga naye.

Iduteronomi 32