5. Ize ningabambani nabo; kuba ezweni labo andiyi kuninika nendawo engangokunyathela kwentende yonyawo; ngokuba ndimnikile uEsawu intaba yakwaSehire ukuba ayime.
6. Ukudla nokuthenga kubo ngemali, nidle; namanzi nowemba kubo ngemali, nisele.
7. Kuba uYehova, uThixo wakho, ukusikelele emsebenzini wonke wesandla sakho. Ùyakwazi ukuyihamba kwakho le ntlango inkulu; le minyaka imashumi mané uYehova uThixo wakho unawe, akuswelanga nto.
8. Segqitha ke kubazalwana bethu, oonyana bakaEsawu, abemiyo kwaSehire, saphambuka endleleni yeArabha, e-Elati nase-Etsiyon-gebhere. Sajika ke, sadlula ngendlela yentlango yakwaMowabhi.
9. Wathi uYehova kum, Uze ungawabandezeli amaMowabhi, uze ungabambani nawo ulwe nawo; kuba andiyi kukunika nto yelizwe lawo uyihluthe; kuba iAre ndiyiniké oonyana bakaLote, ukuba bayime.
10. AmaEma ayemi kulo kudala, engabantu abakhulu, abaninzi, abade njengama-Anaki.
11. Bekusithiwa ngamaRafa nawo, njengama-Anaki; ke amaMowabhi athi ngamaEma.
12. NakwaSehire bekumi amaHori kudala; koko oonyana bakaEsawu bawagqogqa, bawatshabalalisa ebusweni babo, bahlala esikhundleni sawo, njengoko akwenzayo amaSirayeli ezweni lelifa lawo, abelinikwe nguYehova.
13. Ndathi ke, Ndulukani ngoku, niwele umlanjana weZerede; sawuwela ke umlanjana weZerede.
14. Imihla yokuhamba kwethu, sisuka eKadeshe-bharneha side siwele umlanjana weZerede, yaba yiminyaka emashumi mathathu anesibhozo; sada saphela sonke eso sizukulwana samadoda okulwa phakathi komkhosi, njengoko uYehova wawafungelayo.
15. Saye kananjalo isandla sikaYehova siphezu kwawo, ukuba adutywadutywe phakathi komkhosi ade agqitywe.