Iduteronomi 2:5-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ize ningabambani nabo; kuba ezweni labo andiyi kuninika nendawo engangokunyathela kwentende yonyawo; ngokuba ndimnikile uEsawu intaba yakwaSehire ukuba ayime.

6. Ukudla nokuthenga kubo ngemali, nidle; namanzi nowemba kubo ngemali, nisele.

7. Kuba uYehova, uThixo wakho, ukusikelele emsebenzini wonke wesandla sakho. Ùyakwazi ukuyihamba kwakho le ntlango inkulu; le minyaka imashumi mané uYehova uThixo wakho unawe, akuswelanga nto.

8. Segqitha ke kubazalwana bethu, oonyana bakaEsawu, abemiyo kwaSehire, saphambuka endleleni yeArabha, e-Elati nase-Etsiyon-gebhere. Sajika ke, sadlula ngendlela yentlango yakwaMowabhi.

9. Wathi uYehova kum, Uze ungawabandezeli amaMowabhi, uze ungabambani nawo ulwe nawo; kuba andiyi kukunika nto yelizwe lawo uyihluthe; kuba iAre ndiyiniké oonyana bakaLote, ukuba bayime.

10. AmaEma ayemi kulo kudala, engabantu abakhulu, abaninzi, abade njengama-Anaki.

11. Bekusithiwa ngamaRafa nawo, njengama-Anaki; ke amaMowabhi athi ngamaEma.

12. NakwaSehire bekumi amaHori kudala; koko oonyana bakaEsawu bawagqogqa, bawatshabalalisa ebusweni babo, bahlala esikhundleni sawo, njengoko akwenzayo amaSirayeli ezweni lelifa lawo, abelinikwe nguYehova.

13. Ndathi ke, Ndulukani ngoku, niwele umlanjana weZerede; sawuwela ke umlanjana weZerede.

14. Imihla yokuhamba kwethu, sisuka eKadeshe-bharneha side siwele umlanjana weZerede, yaba yiminyaka emashumi mathathu anesibhozo; sada saphela sonke eso sizukulwana samadoda okulwa phakathi komkhosi, njengoko uYehova wawafungelayo.

15. Saye kananjalo isandla sikaYehova siphezu kwawo, ukuba adutywadutywe phakathi komkhosi ade agqitywe.

Iduteronomi 2