9. Kofika esakho isandla kuye kuqala ukuba simbulale, kwandule ukufika esabantu bonke isandla emva koko, umxulube ngamatye afe;
10. ngokuba efuné ukukuwexula kuYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka;
11. eve onke amaSirayeli, oyike, angaphindi enze ububi obunjengobo phakathi kwakho.
12. Xa uthe weva komnye umzi wemizi yakowenu, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba uhlale kuwo, kusithiwa,
13. Kuphumé amadoda angamatshijolo phakathi kwakho, awexula abemi bomzi wawo, esithi, Hambani, siye kukhonza thixo bambi, eningabaziyo:
14. wòphengulula, ugocagoce, ubuzise, ucokise; O! iyinyaniso, iqinisekile le nto, lenzekile eli sikizi phakathi kwakho:
15. uyze ubabulale kuthi tu abemi baloo mzi ngohlangothi lwekrele, uwusingele phantsi, nento yonke ekuwo, kwanenkomo yawo, ngohlangothi lwekrele.