37. Kanjalo uYehova wandifuthela nam ngenxa yenu, wathi, Nawe lo akuyi kungena khona.
38. UYoshuwa unyana kaNun, oma phambi kwakho, nguye owongena khona; momeleze, ngokuba yena wowadlisa ilifa elo amaSirayeli.
39. Ke iintsatshana zenu, enibe nisithi zoba lixhoba, nabantwana benu abangakwaziyo namhla okulungileyo nokubi, bona bongena khona; ndolinika bona beme kulo.
40. Ke nina jikani, ninduluke niye entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu.
41. Naphendula, nathi kum, Sonile kuYehova; sonyuka thina, silwe njengako konke asiyalele ngako uYehova uThixo wethu. Naxhoba ke elowo impahla yakhe yokulwa, nenza buphuthuphuthu ukunyuka intaba.
42. Wathi uYehova kum, Yithi kubo, Ize ningenyuki, ize ningalwi; kuba àndikhona phakathi kwenu; hleze nigxothwe ziintshaba zenu.
43. Ndathetha kuni, anaphulaphula; nawuphikisa umlomo kaYehova, nagxalathelana ukunyuka intaba.
44. Aphuma ke ama-Amori ami kuloo ntaba, anihlangabeza, anichitha, axelisa iinyosi, anibetha kwaSehire, ada esa eHorma.
45. Nabuya ke nalila phambi koYehova; akaliphulaphula uYehova izwi lenu, akanibekela ndlebe.
46. Ngoko ke nahlala eKadeshe imihla emininzi, njengaloo mihla nayihlalayo apho.