Iduteronomi 1:37-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Kanjalo uYehova wandifuthela nam ngenxa yenu, wathi, Nawe lo akuyi kungena khona.

38. UYoshuwa unyana kaNun, oma phambi kwakho, nguye owongena khona; momeleze, ngokuba yena wowadlisa ilifa elo amaSirayeli.

39. Ke iintsatshana zenu, enibe nisithi zoba lixhoba, nabantwana benu abangakwaziyo namhla okulungileyo nokubi, bona bongena khona; ndolinika bona beme kulo.

40. Ke nina jikani, ninduluke niye entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu.

41. Naphendula, nathi kum, Sonile kuYehova; sonyuka thina, silwe njengako konke asiyalele ngako uYehova uThixo wethu. Naxhoba ke elowo impahla yakhe yokulwa, nenza buphuthuphuthu ukunyuka intaba.

42. Wathi uYehova kum, Yithi kubo, Ize ningenyuki, ize ningalwi; kuba àndikhona phakathi kwenu; hleze nigxothwe ziintshaba zenu.

43. Ndathetha kuni, anaphulaphula; nawuphikisa umlomo kaYehova, nagxalathelana ukunyuka intaba.

44. Aphuma ke ama-Amori ami kuloo ntaba, anihlangabeza, anichitha, axelisa iinyosi, anibetha kwaSehire, ada esa eHorma.

45. Nabuya ke nalila phambi koYehova; akaliphulaphula uYehova izwi lenu, akanibekela ndlebe.

46. Ngoko ke nahlala eKadeshe imihla emininzi, njengaloo mihla nayihlalayo apho.

Iduteronomi 1