4. Kuba kuthwethwe bantu bathile; abo babebalulelwe ngenxa engaphambili kolo lugwebo, abangahloneli Thixo, belujikela eburheletyweni ubabalo lukaThixo wethu, bemkhanyela okuphela koMnini-nto-zonke, uThixo wethu, iNkosi yethu uYesu Kristu.
5. Ndinga ke ndinganikhumbuza, nangona nikwazi oku kakade, ukuba iNkosi, yakuba ibasindisile abantu emhlabeni waseYiputa, yathi ngokwesibini yabatshabalalisa abo bangakholwanga.
6. Kananjalo izithunywa zezulu, ezo zazingalugcinanga ulawulo lwazo, zèsuka zalishiya ikhaya lazo, izigcinele umgwebo womhla omkhulu ngemixokelelwane engunaphakade, phantsi kwesithokothoko.