2. Kuba, xa kuthe kwangena endlwini yenu yesikhungu indoda enemisesane yegolide, inengubo eqaqambileyo; kwaza ke kwangena ihlwempu, lineengubo ezimdaka;
3. naza nakhangela kulowo uvethe ingubo eqaqambileyo, nathi kuye, Hlala apha kakuhle wena; nathi kulo ihlwempu, Yima phaya wena; mhlawumbi, Hlala phantsi apha ngasesihlalweni seenyawo zam:
4. anicalulanga na ke phakathi kwenu, naba ngabagwebi abanezicamango ezingendawo?
5. Yivani, bazalwana bam baziintánda: uThixo akawanyulanga na amahlwempu eli hlabathi, ukuba abe zizityebi zokholo, neendlalifa zobukumkani, awababeka ngedinga abo bamthandayo?
6. Ke nina nilihlazisile ihlwempu. Izityebi azinishicileli na? Zona azinirholeli ematyaleni na?