Abagwebi 6:22-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Wabona uGidiyon ukuba sisithunywa sikaYehova; wathi uGidiyon, Yoo! Nkosi Yehova! Nditsho ngokuba ndibonene nesithunywa sikaYehova.

23. UYehova wathi kuye, Uxolo malube kuwe; musa ukoyika, akuyi kufa.

24. UGidiyon wákha khona isibingelelo kuYehova, wathi igama laso nguYehova-uluxolo; sisekho nanamhla eOfra yama-Abhihezere.

Abagwebi 6