Abagwebi 20:22-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Bazomeleza abantu, amadoda akwaSirayeli, baphinda bákha uluhlu lokulwa, kwasendaweni ababakhé uluhlu kuyo ngomhla wokuqala.

23. Benyuka oonyana bakaSirayeli, balila phambi koYehova, kwada kwahlwa. Babuza kuYehova, bathi, Ndiphínde na ndisondele ekulweni noonyana bakaBhenjamin, umzalwana wam? Wathi uYehova, Nyukani niye kubo.

24. Basondela oonyana bakaSirayeli koonyana bakaBhenjamin ngomhla wesibini.

Abagwebi 20