1. Kwenyuka isithunywa sikaYehova eGiligali, saya eBhokim, sathi, Ndaninyusa eYiputa, ndanizisa kwelo zwe ndafunga kooyihlo ngalo, ndathi, Andiyi kuwaphula umnqophiso wam nani naphakade;
2. ke nina nize ningenzi mnqophiso nabemi beli lizwe; nize nizidilize izibingelelo zabo. Aniliphulaphulanga ke izwi lam. Yintoni na le niyenzileyo?
3. Kananjalo ndathi, Andiyi kubagqogqa phambi kwenu, ukuze babe ziimviko emacaleni enu, oothixo babo babe ngumgibe kuni.
4. Kwathi, sakuwathetha isithunywa sikaYehova la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli, basuka abantu baliphakamisa izwi labo, balila.
5. Bayibiza loo ndawo ngokuthi, yiBhokim;* babingelela apho kuYehova.
6. Ke kaloku okuyá uYoshuwa wabandululáyo abantu, baya oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lakhe, ukuba balimé ilizwe.
7. Abantu bamkhonza uYehova yonke imihla kaYoshuwa, nemihla yonke yamadoda amakhulu awasalelayo kuYoshuwa, abewubonile wonke umsebenzi omkhulu kaYehova, abewenzele amaSirayeli.