14. Weza eLehi; amaFilisti amkhawulela eduma. Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova; izintya ebezisemikhonweni yakhe zaba njengeflakisi* etshe ngumlilo, amakhamandela akhe acombuluka ezandleni zakhe.
15. Wafumanana nomhlathi omtsha we-esile, wasolula isandla, wawuthabatha, wabulala ngawo iwaka lamadoda.
16. Wathi uSamson,Ngomhlathi we-esile zizigigaba ngezigigaba;Ngomhlathi we-esile ndisiké iwaka lamadoda.Kwathi, akugqiba ukuthetha, wawulahla umhlathi esandleni sakhe,
17. wathi loo ndawo yiRamati-lehi.*
18. Wanxanwa kakhulu, wanqula uYehova, wathi, Wena uniké ngesandla somkhonzi wakho usindiso olungaka; kanti nanku ndiya kufa linxano, ndeyele esandleni sabangalukanga.