1. Kwathi kwakuba ntsuku, ngemihla yokuvuna ingqolowa, uSamson wamvelela umkakhe, enetakane lebhokhwe; wathi, Ndiya kungena kumkam egumbini. Ke uyise womfazi ebengamvumeli ukuba angene.
2. Wathi uyise womfazi, Bendiba umthiyile ngenene, ndamnika umlingane wakho. Akamhle na umsakwabo kunaye? Makabe ngowakho esikhundleni sakhe.
3. Wathi uSamson kubo, Ndimsulwa okwesi sihlandlo kumaFilisti, xa ndithe ndenza ububi kuwo.