4. Kwathi, kwakuba ntsuku, balwa oonyana baka-Amon noonyana bakaSirayeli.
5. Kwathi, bakuba besilwa oonyana baka-Amon namaSirayeli, amadoda amakhulu aseGiliyadi aya kumthabatha uYifeta ezweni laseTobhi;
6. athi kuYifeta, Yiza ube ngumphathi wethu, silwe noonyana baka-Amon.
7. Wathi uYifeta kumadoda amakhulu aseGiliyadi, Asinini yini na abandithiyáyo, bandigxotha endlwini kabawo? Kungani na ukuba nize kum kaloku, nakuba nibandezelekile?