38. Wathi, Yiya. Wayindulula, yaya iinyanga ezimbini. Yaya yona nabalingane bayo, yabulilela ubuntombi bayo ezintabeni.
39. Kwathi, ekupheleni kweenyanga ezimbini, yabuya yeza kuyise, wasenzela kuyo isibhambathiso sakhe, awayesibhambathisile; ke yona yayingazani nandoda. Yaba lisiko kwaSirayeli ukuthi, imihla kamihla,
40. iintombi zakwaSirayeli ziye ziyibonge intombi kaYifeta umGiliyadi, imihla eminé ngomnyaka.