Abagwebi 1:28-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Kwathi, akomelela amaSirayeli, awafaka uviko amaKanan, àkawagqogqa awagqibe.

29. UEfrayim akawagqogqanga amaKanan abemi eGezere; ahlala amaKanan phakathi kwakhe eGezere.

30. UZebhulon akabagqogqanga abemi baseKitron nabemi baseNahaloli; ahlala amaKanan phakathi kwakhe, afakwa uviko.

31. UAshere akabagqogqanga abemi baseAko, nabemi baseTsidon, neAhalabhi, neAkezibhi, neHelebha, neAfiki, neRehobhi.

32. Ama-Ashere ahlala phakathi kwamaKanan abemi kwelo zwe; ngokuba akawagqogqanga.

33. UNafetali akabagqogqanga abemi baseBhete-shemeshe, nabemi baseBheteanati; wahlala phakathi kwamaKanan abemi kwelo zwe. Abemi baseBheteshemeshe nabaseBhete-anati bafakwa uviko nguye.

Abagwebi 1