2 Usamuweli 7:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, xa ukumkani ahleliyo endlwini yakhe, uYehova emphumzile ngeenxa zonke ezintshabeni zakhe zonke,

2. wathi ukumkani kuNatan umprofeti, Khawukhangele, ndihleli endlwini yemisedare,* ke yona ityeya kaThixo ihleli phakathi kwamalengalenga.

3. Wathi uNatan kukumkani, Konke okusentliziyweni yakho, hamba uye ukwenze; ngokuba uYehova unawe.

4. Kwathi ngobo busuku, lafika ilizwi likaYehova kuNatan, lisithi,

5. Hamba uye kuthi kumkhonzi wam uDavide, Ăštsho uYehova ukuthi, Wena uya kundakhela indlu yokuba ndihlale na?

6. Ngokuba andihlalanga ndlwini, kususela kwimini endabanyusayo oonyana bakaSirayeli eYiputa, kude kube nanamhla; ndaba ngohambahamba ngentente engumnquba.

2 Usamuweli 7