2 Usamuweli 6:5-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. UDavide nendlu yonke kaSirayeli baqamba phambi koYehova, bebetha imithi yonke yesipres,* neehadi, nemirhubhe, neengqongqo, namakhenkcekhenkce, namacangci.

6. Bafika esandéni sikaNakon; wesa isandla sakhe u-Uza etyeyeni kaThixo, wayibamba; ngokuba iinkomo zibe ziyigungqisa.

7. Wavutha umsindo kaYehova ku-Uza; uThixo wambetha khona, ngenxa yemasi elo, wafela khona ngasetyeyeni kaThixo.

8. UDavide wavutha ngumsindo ngenxa enokuba uYehova wamtyhobozela ngotyhobozo u-Uza, wathi loo ndawo yiPerets-uza* unanamhla.

9. UDavide wamoyika uYehova ngaloo mini, wathi, Yothini na ukuza kum ityeya kaYehova?

10. Akavuma ke uDavide ukuyisusa ize kuye emzini kaDavide ityeya kaYehova; uDavide wayisonga, wayiphambukisela endlwini kaObhedi-edom waseGati.

11. Yahlala ityeya kaYehova endlwini kaObhedi-edom waseGati iinyanga zantathu; uYehova wamsikelela uObhedi-edom, nendlu yakhe yonke.

12. Kwaxelwa kukumkani uDavide, kwathiwa, Úyisikelele uYehova indlu kaObhedi-edom. nezinto zonke anazo, ngenxa yetyeya kaThixo. Waya uDavide, wayinyusa ityeya kaThixo endlwini kaObhedi-edom, wayizisa emzini kaDavide evuya.

13. Kwathi, bakunyathela amabanga amathandathu abathwali betyeya kaYehova, wabingelela inkomo nethole elityetyisiweyo.

14. Waye uDavide esina ngamandla onke phambi koYehova, uDavide ebhinqe iefodi* yelinen emhlophe.

15. OoDavide nendlu yonke kaSirayeli babeyinyusa ke ityeya kaYehova, beduma, behlokomisa isigodlo.

16. Kwathi, yakufika ityeya kaYehova emzini kaDavide, uMikali, intombi kaSawule, wavela ngefestile, wambona ukumkani uDavide exhuma esina phambi koYehova, wamcekisa entliziyweni yakhe.

17. Bayingenisa ityeya kaYehova, bayimisa endaweni yayo phakathi kwentente, abeyitwabululele yona uDavide; uDavide wenyusa amadini anyukayo phambi koYehova, nemibingelelo yoxolo.

18. Wagqiba uDavide ukunyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, wabasikelela abantu, egameni likaYehova wemikhosi, wababèla bonke abantu,

2 Usamuweli 6