2. Wesuka ke, wahamba uDavide nabantu bonke abenabo, esiya eBhahali yakwaYuda, esiya kunyusa khona ityeya kaThixo, ebizwa ngalo igama, igama likaYehova wemikhosi ohleli phezu kweekerubhi.*
3. Bayikhwelisa enqwelweni entsha ityeya kaThixo, bayithabatha endlwini ka-Abhinadabhi ebisendulini; u-Uza nonoAhiyo, oonyana baka-Abhinadabhi, beyiqhuba inqwelo entsha leyo.
4. Bayithabatha endlwini ka-Abhinadabhi esendulini, inetyeya kaThixo, uAhiyo ehamba phambi kwetyeya.
5. UDavide nendlu yonke kaSirayeli baqamba phambi koYehova, bebetha imithi yonke yesipres,* neehadi, nemirhubhe, neengqongqo, namakhenkcekhenkce, namacangci.
6. Bafika esandéni sikaNakon; wesa isandla sakhe u-Uza etyeyeni kaThixo, wayibamba; ngokuba iinkomo zibe ziyigungqisa.
7. Wavutha umsindo kaYehova ku-Uza; uThixo wambetha khona, ngenxa yemasi elo, wafela khona ngasetyeyeni kaThixo.
8. UDavide wavutha ngumsindo ngenxa enokuba uYehova wamtyhobozela ngotyhobozo u-Uza, wathi loo ndawo yiPerets-uza* unanamhla.
9. UDavide wamoyika uYehova ngaloo mini, wathi, Yothini na ukuza kum ityeya kaYehova?
10. Akavuma ke uDavide ukuyisusa ize kuye emzini kaDavide ityeya kaYehova; uDavide wayisonga, wayiphambukisela endlwini kaObhedi-edom waseGati.
11. Yahlala ityeya kaYehova endlwini kaObhedi-edom waseGati iinyanga zantathu; uYehova wamsikelela uObhedi-edom, nendlu yakhe yonke.
12. Kwaxelwa kukumkani uDavide, kwathiwa, Úyisikelele uYehova indlu kaObhedi-edom. nezinto zonke anazo, ngenxa yetyeya kaThixo. Waya uDavide, wayinyusa ityeya kaThixo endlwini kaObhedi-edom, wayizisa emzini kaDavide evuya.