8. Wathi uDavide ngaloo mini, Bonke abaxabela amaYebhusi, mabaziwise engxangxasini iziqhwala kwaneemfama ezithiyekileyo emphefumlweni kaDavide. Ngenxa yoko bathi, Iimfama neziqhwala aziyi kungena endlwini.
9. UDavide wahlala emboniselweni, wayibiza ngokuthi ngumzi kaDavide. UDavide wákha ngeenxa zonke, wathabathela eMilo wesa phakathi.
10. Waya uDavide eba mkhulu ngokuba mkhulu, uYehova uThixo wemikhosi waba naye.
11. Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathumela abathunywa kuDavide, nemisedare,* neengcibi zemithi, neengcibi zamatye eendonga; zamakhela uDavide indlu.
12. Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile wangukumkani; ukuba ubuphakamisile ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.
13. UDavide wabuya wazeka abafazi namashweshwe eYerusalem, emveni kokusuka kwakhe eHebron; wabuya wazalelwa oonyana neentombi uDavide.
14. Ngawo la amagama abo wabazalelwáyo eYerusalem: nguShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,
15. noIbhehare, noElishuwa, noNefege, noYafiya,
16. noElishama, noEliyada, noElifelete.
17. Ke kaloku eva amaFilisti ukuba bamthambisile uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli; enyuka ke onke amaFilisti aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, wehla waya emboniselweni.
18. AmaFilisti abezile, athi dwe entilini yamaRafa.
19. Wabuza uDavide kuYehova, wathi, Ndinyùke na, ndiye kumaFilisti? Wòwanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuDavide, Nyuka; ngokuba ndiwanikele mpela amaFilisti esandleni sakho.
20. UDavide weza eBhahali-peratsim; uDavide wawaxabela khona, wathi, UYehova uzityhobozele iintshaba zam phambi kwam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim.*