2 Usamuweli 3:18-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. yenzani kaloku, ngokuba uYehova utshilo kuDavide, ukuthi, Ndiya kubasindisa ngesandla sikaDavide, umkhonzi wam, abantu bam amaSirayeli esandleni samaFilisti, nasesandleni seentshaba zabo zonke.

19. Kananjalo uAbhinere ebethethile ezindlebeni zamaBhenjamin; kanjalo uAbhinere waya kuthetha ezindlebeni zikaDavide eHebron konke okulungileyo phambi kwamaSirayeli, naphambi kwendlu yonke yakwaBhenjamin.

20. Waya ke uAbhinere kuDavide eHebron, enamashumi amabini amadoda. UDavide wamenzela ke isidlo uAbhinere namadoda akhe abenawo.

2 Usamuweli 3