2 Usamuweli 23:8-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ngawo la amagama amagorha kaDavide: nguYoshebhe-bhashebhete waseTakemon, obeyintloko yabaphathimikhosi; yena watyityimbisa intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu asibhozo awahlatywa ngesihlandlo esinye.

9. Nganeno kwakhe nguElazare, unyana kaDodayi, unyana womAhowa, obelelinye kumagorha lawo mathathu abenoDavide ekuwangcikiveni kwawo amaFilisti, abebuthelene khona emfazweni, akubon' ukuba anyukile amadoda akwaSirayeli:

10. yena wesuka wawabulala amaFilisti, sada sadinwa isandla sakhe, somela ekreleni isandla sakhe; wenza ke uYehova usindiso olukhulu ngaloo mini; babuya abantu bamlandela, banela ukuthimba kuphela.

11. Nganeno kwakhe nguShama, unyana ka-Age umHarari. AmaFilisti ayehlanganisene asisiqhu. Kwaye kukho apho isiqwenga somhlaba sizele ziintlumaya; basaba abantu ebusweni bamaFilisti;

12. wesuka yena wema esazulwini sesiqwenga eso, wasihlutha, wawabulala amaFilisti. UYehova wenza ke usindiso olukhulu.

13. Kwehla isithathu sabaziintloko emashumini amathathu abaphathi-mikhosi, beza kuDavide, xa kuvunwayo, emqolombeni waseAdulam; saye isiqhu samaFilisti simise iintente entilini yamaRafa.

14. UDavide oko ubesemboniselweni; ikampu yamaFilisti oko ibiseBhetelehem.

15. Wanqwena uDavide, wathi, Akwaba, bethu, bendingàsezwa amanzi equla laseBhetelehem, elisesangweni!

16. Atyhudisa loo magorha mathathu empini yamaFilisti, ákha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni, awathwala awazisa kuDavide. Akavuma ukuwasela, wawathululela phantsi phambi koYehova.

17. Wathi, Makube lee kum, Yehova, ukwenza oko. Asiligazi na eli lamadoda ahambé encamé imiphefumlo yawo? Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu.

18. Ke uAbhishayi, umninawa kaYowabhi, unyana kaTseruya, yena ube eyintloko yabaphathi-mikhosi; wathi rhuthu intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu amathathu abahlatywáyo. Wayenegama ke kwabo bathathu.

19. Wayezukile okunene ngaphezu kwamashumi amathathu lawo, waba ngumthetheli wawo; kodwa akafikanga kwabaya bathathu.

20. Ke uBhenaya unyana kaYehoyada, unyana wendoda enobukroti, ozenzo zininzi, waseKabhetseli, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama equleni phakathi, mini ngekhephu.

2 Usamuweli 23