2 Usamuweli 23:20-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Ke uBhenaya unyana kaYehoyada, unyana wendoda enobukroti, ozenzo zininzi, waseKabhetseli, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama equleni phakathi, mini ngekhephu.

21. Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga; umYiputa lowo wayephethe intshuntshe. Wehla, waya kuye enentonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala ngentshuntshe yakhe.

22. Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYehoyada; waba negama ke kumagorha lawo mathathu.

23. Ubezukile kunamashumi amathathu lawo; kodwa akafikanga kwabaya bathathu. UDavide wammisa ephakathini lakhe.

24. UAsaheli, umninawa kaYowabhi, ebengomnye kumashumi amathathu lawo; nguElihanan unyana kaDodayi waseBhetelehem;

25. nguShama waseHarodi; nguElika waseHarodi;

26. nguHeletse wasePeleti; nguIra unyana kaIkeshe waseTekowa;

27. nguAbhiyezere waseAnatoti;

28. nguMebhunayi umHusha; nguTsalimon umAhowa; nguMaharayi waseNetofa;

29. nguHelebhe, unyana kaBhahana waseNetofa; nguItayi, unyana kaRibhayi, waseGibheha yoonyana bakaBhenjamin;

30. nguBhenaya wasePiraton; nguHidayi wasezihlanjeni zaseGahashe;

31. nguAbhihalebhon waseArabha; nguAzemavete waseBhahurim;

32. nguEliyabha waseShahalebhon; nguBhene-yashen; nguYonatan; nguShama umHarari;

33. nguAhiyam, unyana kaSharare umArari;

34. nguElifelete unyana ka-Ahasebhayi, unyana wowaseMahaka; nguEliyam unyana ka-Ahitofele, waseGilo;

35. nguHetsero waseKarmele; nguPaharayi waseArbhi;

36. nguIgali unyana kaNatan waseTsobha;

37. nguBhani wakwaGadi; nguTseleke umAmon; nguNaharayi waseBheroti, umphathi weentonga zikaYowabhi unyana kaTseruya;

38. nguIra umItri; nguGarebhe umItri;

39. ngu-Uriya umHeti; bebonke bangamashumi omathathu anesixhenxe.

2 Usamuweli 23