11. Nganeno kwakhe nguShama, unyana ka-Age umHarari. AmaFilisti ayehlanganisene asisiqhu. Kwaye kukho apho isiqwenga somhlaba sizele ziintlumaya; basaba abantu ebusweni bamaFilisti;
12. wesuka yena wema esazulwini sesiqwenga eso, wasihlutha, wawabulala amaFilisti. UYehova wenza ke usindiso olukhulu.
13. Kwehla isithathu sabaziintloko emashumini amathathu abaphathi-mikhosi, beza kuDavide, xa kuvunwayo, emqolombeni waseAdulam; saye isiqhu samaFilisti simise iintente entilini yamaRafa.
14. UDavide oko ubesemboniselweni; ikampu yamaFilisti oko ibiseBhetelehem.
15. Wanqwena uDavide, wathi, Akwaba, bethu, bendingàsezwa amanzi equla laseBhetelehem, elisesangweni!
16. Atyhudisa loo magorha mathathu empini yamaFilisti, ákha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni, awathwala awazisa kuDavide. Akavuma ukuwasela, wawathululela phantsi phambi koYehova.
17. Wathi, Makube lee kum, Yehova, ukwenza oko. Asiligazi na eli lamadoda ahambé encamé imiphefumlo yawo? Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu.
18. Ke uAbhishayi, umninawa kaYowabhi, unyana kaTseruya, yena ube eyintloko yabaphathi-mikhosi; wathi rhuthu intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu amathathu abahlatywáyo. Wayenegama ke kwabo bathathu.
19. Wayezukile okunene ngaphezu kwamashumi amathathu lawo, waba ngumthetheli wawo; kodwa akafikanga kwabaya bathathu.
20. Ke uBhenaya unyana kaYehoyada, unyana wendoda enobukroti, ozenzo zininzi, waseKabhetseli, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama equleni phakathi, mini ngekhephu.
21. Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga; umYiputa lowo wayephethe intshuntshe. Wehla, waya kuye enentonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala ngentshuntshe yakhe.
22. Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYehoyada; waba negama ke kumagorha lawo mathathu.
23. Ubezukile kunamashumi amathathu lawo; kodwa akafikanga kwabaya bathathu. UDavide wammisa ephakathini lakhe.
24. UAsaheli, umninawa kaYowabhi, ebengomnye kumashumi amathathu lawo; nguElihanan unyana kaDodayi waseBhetelehem;
25. nguShama waseHarodi; nguElika waseHarodi;
26. nguHeletse wasePeleti; nguIra unyana kaIkeshe waseTekowa;
27. nguAbhiyezere waseAnatoti;