2 Usamuweli 22:8-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Lahexa ke lanyikima ihlabathi,Iziseko zezulu zagungqa,Zahexa ngokuba enomsindo.

9. Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe,Wadla umlilo uphuma emlonyeni wakhe,Avutha amalahle, ephuma kuwo.

10. Wawathoba amazulu, wehla,Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.

11. Wakhwela ekerubhini,* waphaphazela,Wabonakala esemaphikweni omoya.

12. Wamisa ubumnyama ngeenxa zonke kuye, bayiminquba,Intlanganisela yamanzi, neengqimba zamafu.

13. Ekuqaqambeni okuphambi kwakheKwavutha amalahle omlilo.

14. Wadudumisa emazulwini uYehova,Oseyangweni walikhupha izwi lakhe.

15. Wathuma iintolo, wabaphangalalisa;Umbane, wabadubaduba.

16. Kwabonakala imiphantsi yolwandle,Kwatyhileka iziseko zelimiweyoNgokukhalima kukaYehova.Ngokufutha komoya womsindo wakhe.

17. Wolula isandla, ephezulu, wandibamba,Wandirhola emanzini amaninzi.

18. Wandihlangula elutshabeni lwam olunamandla,Kwabandithiyileyo, ngokuba bebomelele kunam.

19. Bandifikela ngemini yokusindeka kwam,Waba sisixhaso kum uYehova.

20. Wandikhuphela endaweni ebanzi,Wandihlangula ngokuba endinonelele.

21. UYehova wandiphatha kakuhle ngokobulungisa bam,Wandibuyisela ngokuhlambululeka kwezandla zam.

2 Usamuweli 22