2 Usamuweli 22:14-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wadudumisa emazulwini uYehova,Oseyangweni walikhupha izwi lakhe.

15. Wathuma iintolo, wabaphangalalisa;Umbane, wabadubaduba.

16. Kwabonakala imiphantsi yolwandle,Kwatyhileka iziseko zelimiweyoNgokukhalima kukaYehova.Ngokufutha komoya womsindo wakhe.

17. Wolula isandla, ephezulu, wandibamba,Wandirhola emanzini amaninzi.

2 Usamuweli 22