2 Usamuweli 22:10-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wawathoba amazulu, wehla,Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.

11. Wakhwela ekerubhini,* waphaphazela,Wabonakala esemaphikweni omoya.

12. Wamisa ubumnyama ngeenxa zonke kuye, bayiminquba,Intlanganisela yamanzi, neengqimba zamafu.

13. Ekuqaqambeni okuphambi kwakheKwavutha amalahle omlilo.

14. Wadudumisa emazulwini uYehova,Oseyangweni walikhupha izwi lakhe.

15. Wathuma iintolo, wabaphangalalisa;Umbane, wabadubaduba.

16. Kwabonakala imiphantsi yolwandle,Kwatyhileka iziseko zelimiweyoNgokukhalima kukaYehova.Ngokufutha komoya womsindo wakhe.

17. Wolula isandla, ephezulu, wandibamba,Wandirhola emanzini amaninzi.

18. Wandihlangula elutshabeni lwam olunamandla,Kwabandithiyileyo, ngokuba bebomelele kunam.

2 Usamuweli 22