Kwabuya kwabakho ukulwa eGati. Kwakho ndoda iyingxilimbela, ibineminwe emithandathu sandleni sinye, namazwane amathandathu lunyaweni lunye, amashumi amabini anamané ngenani; nayo ibizalwa nguRafa.