2 Usamuweli 16:13-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. UDavide wahamba ngendlela namadoda akhe; uShimehi ehamba ecaleni lentaba elilunge naye, engaphesheya; wahamba etshabhisa, wamxuluba ngamatye emalunga naye, emphosa nothuli.

14. Ukumkani nabantu bonke abanaye beza eAyefim, bakha baphefumla khona.

15. Ke kaloku uAbhisalom nabantu bonke, amadoda akwaSirayeli, beza eYerusalem, benoAhitofele.

16. Kwathi, akufika uHushayi waseArki, umhlobo kaDavide, kuAbhisalom, wathi uHushayi kuAbhisalom, Makadle ubomi ukumkani, makadle ubomi ukumkani.

17. Wathi uAbhisalom kuHushayi, Yinceba yakho na le kumhlobo wakho? Yini na ukuba ungahambi nomhlobo wakho?

18. Wathi uHushayi kuAbhisalom, Hayi, onyulwe nguYehova nangaba bantu, nangamadoda onke akwaSirayeli, ndoba ngowakhe mna, ndihlale naye mna.

2 Usamuweli 16