2 Usamuweli 15:6-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wenza ke uAbhisalom ngendawo enjalo kumaSirayeli onke, abesiza kukumkani ekugwebeni. Waziba uAbhisalom iintliziyo zamadoda akwaSirayeli.

7. Kwathi, ekupheleni kweminyaka emashumi mané, wathi uAbhisalom kukumkani, Makhe ndiye ndisizalise isibhambathiso, endabhambathisa ngaso kuYehova eHebron;

8. ngokuba umkhonzi wakho wabhambathisa ngesibhambathiso ekuhlaleni kwakhe eGeshuri kwa-Aram, esithi, Ukuba uYehova uthe wandibuyisela ngenene eYerusalem, ndomkhonza uYehova.

9. Wathi ukumkani kuye, Hamba úxolile. Wesuka ke, waya eHebron.

2 Usamuweli 15