5. Wavutha kunene umsindo kaDavide kwindoda leyo, wathi kuNatan, Ehleli nje uYehova, ngumfo wokufa loo ndoda yenzé le nto.
6. Iya kuyimisela ngesiné imvanazana leyo, ngenxa enokuba yenze loo nto, nangenxa yokuba ingabanga nalufefe.
7. Waza wathi uNatan kuDavide, Loo ndoda nguwe. Utsho uYehova uThixo kaSirayeli ukuthi, Mna ndákuthambisa ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli, mna ndákuhlangula esandleni sikaSawule,
8. ndakunika indlu yenkosi yakho, nabafazi benkosi yakho esifubeni sakho, ndakunika indlu yakwaSirayeli neyakwaYuda; ke, ukuba bekukuncinane oko, ngendikongezile ndenjenje, ndenjenje.
9. Yini na ukuba ulidele ilizwi likaYehova, wenze ububi emehlweni akhe, umbulale u-Uriya umHeti ngekrele, nomkakhe umzeke abe ngumkakho, umbulale ngekrele loonyana baka-Amon?
10. Ke ngoko, ikrele aliyi kumka endlwini yakho naphakade; ngenxa enokuba undidelile, wamzeka umkaUriya umHeti, wangumkakho.