2 Usamuweli 11:7-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Waya u-Uriya kuye. Wabuza uDavide ukuba unjani na uYowabhi, banjani na abantu, injani na imfazwe.

8. UDavide wathi ku-Uriya, Yihla uye endlwini yakho, uhlambe iinyawo zakho. Waphuma u-Uriya endlwini yokumkani; kwaphuma emva kwakhe isipho sokumkani.

9. U-Uriya walala emnyango wendlu yokumkani, nabakhonzi bonke benkosi yakhe; akehla aye endlwini yakhe.

10. Kwaxelwa kuDavide, kwathiwa, u-Uriya akehlanga aye endlwini yakhe. Wathi uDavide ku-Uriya, Akuveli eluhambeni na? Yini na ukuba ungehli uye endlwini yakho?

11. Wathi u-Uriya kuDavide, Ityeya namaSirayeli namaYuda ahleli eminqubeni, nenkosi yam uYowabhi nabakhonzi benkosi yam bahleli endle; mna ndĂ­ye endlwini yam, ndidle, ndisele, ndilale nomkam? Uhleli nje wena, uhleli nje umphefumlo wakho, andiyi kuyenza loo nto.

12. Wathi uDavide ku-Uriya, Hlala apha nanamhla, ndokundulula ngomso. Wahlala ke u-Uriya eYerusalem ngaloo mhla nangengomso.

13. UDavide wammema: wadla, wasela phambi kwakhe; wamnxilisa. Waphuma ngokuhlwa, waya kulala esililini sakhe nabakhonzi benkosi yakhe; akehla aye endlwini yakhe.

14. Kwathi kusasa, uDavide wabhala incwadi kuYowabhi, wayithumela ngesandla sikaUriya.

15. Wabhala ke encwadini, wathi, Mbekeni u-Uriya kweyona ndawo ishushu, angásisichenge kuyo emfazweni, nibuye umva, ukuze abinzwe afe.

16. Kwathi, ekuwungqingeni kukaYowabhi umzi lowo, wambeka u-Uriya kwindawo abesazi ukuba akuyo amadoda angamakroti.

2 Usamuweli 11